Uxwebhu lweMozilla Our 10 Iinqobo 01 I-Intanethi yinxalenye ebalulekileyo yobomi bezi mini—undoqo kwezemfundo, unxibelelwano, intsebenziswano, ushishino, ulonwabo nakuluntu xa lulonke. Funda okuninzi Sebenzisa iibheji ezivulekileyo ukwabelana nezakhono zakho nomdla wakho Khangela ukuba iwebhu inegalelo njani na kwinzululwazi Funda ngekhowudi yesosi evulelekileyo kubuntatheli 02 I-Intanethi ngumthombo woluntu oluncedo kwihlabathi lonke ofanele uhlale uvulekile yaye ufikeleleka. Funda okuninzi Funda ngamaphulo omgaqo-nkqubo weintanethi avulelekileyo nenkqubela-phambili Khangela indlela yokunceda ugcine iwebhu ivulekile 03 I-intanethi kufuneka ixhobise ubomi bomntu ngamnye. Funda okuninzi Jonga indlela iwebhu enokunxibelelana ngayo nehlabathi nolondolozo lwempilo Khangela indlela esebenza ngayo iwebhu 04 Abantu nokukhuseleko kwi-Intanethi lubalulekile yaye alunakuthathwa njengonto engenamsebenzi. Funda okuninzi Jonga indlela esebenza ngayo iMozilla ekubekeni phambili ubungasese bakho Funda ngenkqubela-phambili kukhuselo lobungasese neengcombolo Funda ngaphezulu ngendlela yokuzikhusela kwi-intanethi 05 Abantu kufuneka babe nobugcisa bokumisela i-intanethi kwanamava abo kwi-intanethi. Funda okuninzi Sebenzisa ezi zixhobo zisimahla ukufundisa iwebhu Funda ngokuyila nokongamela isiqulatho sewebhu 06 Ukusebenza kwe-Intanethi njengomthombo woncedo woluntu kuxhomekeke kwintsebenziswano (iiprothokholi, iifomati zeengcombolo, umbandela), ukuqulunqwa kweendlela ezintsha nokuthatha inxaxheba kwiindawo ngeendawo zehlabathi. Funda okuninzi Yongeza amazwi amatsha ukuvula ubuchwepheshe besosi Seta ipriferensi yakho yeMusa ukufunisela Yazi indawo yewebhu 07 Isoftwe yasimahla nevulekileyo ikhuthaza uphuhliso lwe-Intanethi njengomthombo woncedo loluntu. Funda okuninzi Khangela indlela okwenziwayo okuvulekileyo okugcina ngayo iwebhu ifikeleleka Funda ngendlela yokuxuba kwakhona isiqulatho ukwenza into entsha Funda ngendlela ngokuphakamisa amandla okusebenza ewebhu 08 Inkqubo zoluntu ezingenamagumgedle zikhuthaza ukuthatha inxaxheba, ukuphendula, nokuthenjwa. Funda okuninzi Thabatha inxaxheba kwiqonga lethu lolawulo Sijoyine njengevolontiya Funda ngendlela yokusebenzisana kwi-intanethi 09 Ubandakanyeko kwezorhwebo kuphuhliso lweintanethi luzisa inzuzo; ulungelelwano phakathi kwengeniso yezorhwebo nenzuzo kuluntu lubalulekile. Funda okuninzi Qikelela umntu osebenza naye kwiwebhu ngebhim yokukhanya Funda ngokwenza imithombo yewebhu nabanye 10 Ukubalaselisa inzuzo kawonke-wonke ye-Intanethi yeyona nto ibalulekileyo, efanele ixesha, ingqalelo nokuzinikela. Funda okuninzi Sindleka okanye dibana noMenzi-qela Funda ngendlela yokwakha izakhono zentsebenziswano kwi-intanethi