Sakha i-Intanethi engcono

Iphulo lethu kukuqinisekisa kukuba i-intanethi nguvimba wehlabathi ofumaneka kuwonkewonke. I-intanethi ethi ngokwenene ebeka abantu phambili, apho abantu banokubumba amava abo, amandla ukhuseleko nokuzimela.

KwaMozilla, siziingcali zobugcisa, iinkcuba-buchopho nabakhi abasebenza kunye ukugcina i-Intanethi iphila yaye ifikeleleka, ukuze abantu ehlabathini lonke babe ngabathathi-nxaxheba nabenzi abanolwazi beWebhu. Sikholelwa ekubeni esi senzo sentsebenziswano yabantu kwiqonga elivulekileyo sibalulekile ekukhuleni komntu nakwikamva lethu xa lilonke.

Funda uXwebhu lweMozilla ukuze ufunde ngakumbi ngemigaqo esikhokelayo kumsebenzi wethu.

Bukela le vidiyo ingasentla ukuze ufunde ngakumbi ukuthi singoobani, sivela phi kwanendlela esiyenza ngayo iwebhu ibe ngcono kuwe.
  • Zibandakanye

    Amathuba okuba ngamatsha-ntliziyo kwiinkalo ezininzi ezahlukeneyo

  • Imbali

    Apho sivela khona nendlela esifikelele ngayo kule ndawo sikuyo

  • Amaqonga

    Imiba iquka inkxaso, iimveliso nobugcisa

  • Ulawulo

    Inkqubo, intlangano noluntu lwakwaMozilla xa lulonke